Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 32:11-29 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina.

12. Khumbula ke ukuba wathembisa ukuba konke kondilungela, wathembisa nokuba wondipha inzala engenakubalwa bani, ebuninzi bungangobentlabathi elunxwemeni lolwandle.”

13. Ngengomso uYakobi wakhetha kuloo mhlambi wakhe ezo wayeza kuzipha umntakwabo uEsawu:

14. iimazi zeebhokhwe zaba ngamakhulu mabini, iinkunzi zangamashumi mabini; amakhulu mabini eemazi zeegusha, namashumi mabini eenkunzi zeegusha,

15. amashumi amathathu eemazi zeenkamela namankonyane azo; kunye namashumi mane eemazi zeenkomo, kunye neshumi leenkunzi; namashumi mabini eemazi zeedonki; kunye neenkunzi ezilishumi.

16. Wazahlula-hlula zayimihlambi, waza umhlambi ngamnye wakhokelwa sisicaka. Wathi mazihambe ngaphambili, zishiye isithuba phakathi komhlambi ngamnye.

17. Wathi kwisicaka esasingaphambili, ze sithi xa ebuza uEsawu ukuba ngaba ngubani na inkosi yaso, besiya ngaphi na, wona umhlambi lo ungokabani:

18. “ZezikaYakobi, isicaka sikaEsawu. Wenza ngazo isipho kuEsawu inkosi yakhe. Yena uYakobi uyalandela ngasemva.”

19. Wabaxelela loo nto bonke abakhokela imihlambi, owesibini nowesithathu njalo-njalo, esithi: “Nakuhlangabezana noEsawu ze nithi:

20. ‘Ewe, isicaka sakho uYakobi siyeza ngasemva.’ ”Icebo likaYakobi lalikukuba amenze athambe ngezo zipho uEsawu, aze xa efika yena Yakobi kuye axolelwe.

21. Wazindulula ke ezo zipho, waza yena walalisa apho esikhululweni ngobo busuku.

22. Ngobo busuku wavuka uYakobi, wahamba nabafazi bakhe bobabini, namaqadi abo, kunye nabantwana bakhe abalishumi nanye, wawuwela umlambo iJabhoko.

23. Akubaweza waweza nempahla yakhe yonke,

24. kodwa yena wasala ngasemva.Kwafika umntu, wajijisana naye kwada kwasekuzeni kokusa.

25. Wathi loo mntu akubona ukuba akamngquli uYakobi, wamchukumisa enyongeni, yatsho yagungxuka endaweni yayo.

26. Watsho esithi: “Ndiyeke ndihambe, kuyasa.”UYakobi wathi: “Andisobe ndikuyeke, de undithamsanqelise.”

27. “Ungubani igama lakho?” ubuzile loo mntu.“NdinguYakobi,” uphendule watsho yena.

28. Uthe ke loo mntu: “Akusokubuya kuthiwe unguYakobi, kuba kaloku wena ujijisene noThixo kwakunye nabantu, waphumelela. Ngoko ke kuya kuthiwa unguSirayeli igama lakho.”

29. Uthe yena uYakobi: “Nawe ndixelele elakho igama.”Uthe loo mfo: “Uza kulenzani igama lam?” Watsho esikelela uYakobi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 32