Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 32:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi uhambile naye, waza wahlangana nezithunywa zikaThixo endleleni.

2. Uthe akuzibona wavakala esithi: “Ngumkhosi kaThixo lo,” waza wathi loo ndawo yiManayim igama layo.

3. UYakobi wathumela izigidimi ngaphambili ukuba ziye kumntakwabo uEsawu eSeyire, e-Edom.

4. Wathi ze zithi kuye: “Mna, Yakobi, sicaka sakho, ndazisa wena, nkosi yam Esawu, ukuba bekhe ndahlala kwaLabhan, ndaza ndabambezeleka apho kwada kwakalokunje.

5. Ndiza neenkomo neegusha, iidonki neebhokhwe, kwakunye nezicaka. Ndithumela lo myalezo ke, mhlekazi, ndinethemba lokuba uya kundamkela.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 32