Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 31:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ubesakuthi uLabhan akuthi ezinamachaphaza ziya kuba zezam, zisuke zonke zizale amatakane anamachaphaza. Kuthi akuthi ziya kuba zezinemizila ezam, zisuke zonke zizale amatakane anemizila.

9. UThixo uyihluthile imfuyo kayihlo, wayinika mna.

10. “Ngexesha ekwakukhwelwa iimazi ndaba nephupha: ndaphakamisa amehlo, ndabona iinkunzi zeebhokhwe ezazikhwela iimazi, zingcitha, zingcaka.

11. Sathi kum isithunywa sikaThixo ngephupha: ‘Yakobi!’ Ndasabela ndathi: ‘Ndim lo.’

12. Sithe ke sona: ‘Phakamisa amehlo, ubone zonke iinkunzi zeebhokhwe ezikhwelayo zingcitha, zingcaka. Ndiyibonile yonke into akwenze yona uLabhan; kungoko ndisenza le nto.

13. Mna ndingulaa Thixo wabonakala kuwe eBhetele, apho wathambisa khona ngamafutha ilitye lesikhumbuzo, apho wawenze khona isifungo. Ngoku ke lishiye eli lizwe, ubuyele kwelakowenu.’ ”

14. Bathe ukuphendula ooRakeli noLeya: “Asisenabango thina kwizinto zikatata.

15. Usiphethe okwabantu basemzini. Wasithengisa, wayitya yaphela naloo nto wayifumana ngathi.

16. Ngoko ke seliyeyethu nabantwana bethu yonke loo nto uThixo asihluthele yona kutata. Yenza loo nto wena uThixo akuyalela yona.”

17. Kwangoko uYakobi wabakhwelisa ezinkameleni abafazi bakhe noonyana bakhe.

18. Wayiqhuba yonke loo mihlambi wayifumana ePadan-aram, wenjenjeya ukusinga kuyise uIsake eKanana.

19. ULabhan wayeye kucheba iigusha zakhe. Lo gama angekhoyo uRakeli waya kuba *imilonde-khaya kuyise.

20. UYakobi yena wamkhohlisa uLabhan ngokungamazisi uLabhan ukuba uyemka.

21. Wathatha konke okwakhe, wemka ngokungxama. Waya kuwela umlambo iEfrati, wenjenjeya ejonge kweleenduli eGiliyadi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 31