Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 31:43-55 Ibhayibhile (XHO96)

43. Wenjenje ukuphendula uLabhan: “Ziintombi zam ezi; naba bantwana bazo ngabam; nale mihlambi yeyam; nditsho yonke le nto ilapha. Kodwa ngenxa yokuba ndingenako ukubanqanda abantwana bam,

44. ndingáyenza imvumelwano kunye nawe. Masithathe amatye, siwafumbe ndawonye, abe sisikhumbuzo saloo mvumelwano.”

45. UYakobi ke wathatha ilitye, walimisa ukuba libe sisikhumbuzo.

46. Wathi amadoda makaqokelele amatye, awafumbe apho. Enjenjalo ke, aza ahlala phantsi apho ngakuloo matye, atya.

47. ULabhan wathi loo ndawo yiJegare-saduta, uYakobi wathi yiGaledi.

48. ULabhan wathi kuYakobi: “Le ngqumba yamatye iya kuba sisikhumbuzo kuthi.” Yiyo loo nto loo ndawo kwathiwa yiGaledi.Oko kukuthi ngesiHebhere “ingqumba yesikhumbuzo”

49. ULabhan wabuya wathi: “Wanga *uNdikhoyo angasijonga naxa sesahlukene.” Yaza loo ndawo kwathiwa yiMizpa.

50. Waqhuba wathi uLabhan: “Ukuba ukhe wabaphatha kakubi abantwana bam, okanye wathatha bafazi bambi, nokuba andiyazanga loo nto, uzukhumbule ukuba uThixo usijongile.

51. Nanga la matye afunjwe apha, phakathi kwethu; nali nelitye lesikhumbuzo.

52. Zizombini ke ezo zinto zisisikhumbuzo. Andisoze ndidlule apha ndize kukuhlasela; nawe ungaze uzidlule uze kundihlasela.

53. NguThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, oya kusigweba.” Waza ke uYakobi wafunga egameni loMhlonitshwa kayise uIsake.

54. Waxhela, wenza idini apho, wamemela izihlobo zakhe esidlweni. Bakugqiba ukutya bahlala kuloo ntaba ubusuku bonke.

55. Kwakusasa ngengomso uLabhan wanga abazukulwana bakhe neentombi zakhe, esithi ndlela-ntle kubo, wajika wagoduka.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 31