Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 31:41-49 Ibhayibhile (XHO96)

41. kule minyaka imashumi mabini ndinawe. Ndasebenza ishumi elinane leminyaka, ndifuna iintombi zakho. Ndabuya ndasebenza eminye emithandathu, ndisebenzela imfuyo. Kanti ke phezu koko uwuguqu-guqule kwada kwakalishumi umvuzo wam.

42. Ukuba ebengenam uThixo woobawo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, ngewandigxotha ndemka ndingaphethe nto. Kodwa ke uThixo ububonile ubunzima ebendikubo nomsebenzi wam, waza ke phezolo wandigwebela.”

43. Wenjenje ukuphendula uLabhan: “Ziintombi zam ezi; naba bantwana bazo ngabam; nale mihlambi yeyam; nditsho yonke le nto ilapha. Kodwa ngenxa yokuba ndingenako ukubanqanda abantwana bam,

44. ndingáyenza imvumelwano kunye nawe. Masithathe amatye, siwafumbe ndawonye, abe sisikhumbuzo saloo mvumelwano.”

45. UYakobi ke wathatha ilitye, walimisa ukuba libe sisikhumbuzo.

46. Wathi amadoda makaqokelele amatye, awafumbe apho. Enjenjalo ke, aza ahlala phantsi apho ngakuloo matye, atya.

47. ULabhan wathi loo ndawo yiJegare-saduta, uYakobi wathi yiGaledi.

48. ULabhan wathi kuYakobi: “Le ngqumba yamatye iya kuba sisikhumbuzo kuthi.” Yiyo loo nto loo ndawo kwathiwa yiGaledi.Oko kukuthi ngesiHebhere “ingqumba yesikhumbuzo”

49. ULabhan wabuya wathi: “Wanga *uNdikhoyo angasijonga naxa sesahlukene.” Yaza loo ndawo kwathiwa yiMizpa.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 31