Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 31:39-44 Ibhayibhile (XHO96)

39. Bendisoloko ndiyihlawula igusha nganye eqwengwe zizilwanyana. Andizange ndize nayo kuwe ndisithi asilotyala lam. Wawudla ngokuthi mandibuyise yonke into ebiweyo, nokuba kusemini, nokuba kusebusuku.

40. Ndanditshiswa ngamalanga emini, ndidliwa naziingqele ebusuku, kungehli nobuthongo obu,

41. kule minyaka imashumi mabini ndinawe. Ndasebenza ishumi elinane leminyaka, ndifuna iintombi zakho. Ndabuya ndasebenza eminye emithandathu, ndisebenzela imfuyo. Kanti ke phezu koko uwuguqu-guqule kwada kwakalishumi umvuzo wam.

42. Ukuba ebengenam uThixo woobawo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, ngewandigxotha ndemka ndingaphethe nto. Kodwa ke uThixo ububonile ubunzima ebendikubo nomsebenzi wam, waza ke phezolo wandigwebela.”

43. Wenjenje ukuphendula uLabhan: “Ziintombi zam ezi; naba bantwana bazo ngabam; nale mihlambi yeyam; nditsho yonke le nto ilapha. Kodwa ngenxa yokuba ndingenako ukubanqanda abantwana bam,

44. ndingáyenza imvumelwano kunye nawe. Masithathe amatye, siwafumbe ndawonye, abe sisikhumbuzo saloo mvumelwano.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 31