Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 31:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi weva ukuba oonyana bakaLabhan bathi uzithathe zonke izinto zikayise, yaye nobu butyebi bakhe ubuzuze ngezinto zikayise.

2. Waphawula nokuba akasathandwa nguLabhan.

3. *UNdikhoyo wathi kuYakobi: “Buyela kwilizwe looyihlo-mkhulu, kumawenu. Mna ndiya kuba nawe.”

4. UYakobi ke wathumela ukuba kubizwe uRakeli noLeya ukuba beze kuye endle apho wayesalusa khona imihlambi.

5. Uthe kubo: “Ndiyabona ukuba uyihlo akasandithandi ngoku; ukanti uThixo kabawo ubesoloko enam.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 31