Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 31:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi weva ukuba oonyana bakaLabhan bathi uzithathe zonke izinto zikayise, yaye nobu butyebi bakhe ubuzuze ngezinto zikayise.

2. Waphawula nokuba akasathandwa nguLabhan.

3. *UNdikhoyo wathi kuYakobi: “Buyela kwilizwe looyihlo-mkhulu, kumawenu. Mna ndiya kuba nawe.”

4. UYakobi ke wathumela ukuba kubizwe uRakeli noLeya ukuba beze kuye endle apho wayesalusa khona imihlambi.

5. Uthe kubo: “Ndiyabona ukuba uyihlo akasandithandi ngoku; ukanti uThixo kabawo ubesoloko enam.

6. Nazi kakuhle nobabini indlela ebendimsebenzela ngayo uyihlo.

7. Kodwa yena wandiqhatha, wawuguqu-guqula umvuzo wam kalishumi. Kodwa uThixo akavumanga ukuba andenzakalise.

8. Ubesakuthi uLabhan akuthi ezinamachaphaza ziya kuba zezam, zisuke zonke zizale amatakane anamachaphaza. Kuthi akuthi ziya kuba zezinemizila ezam, zisuke zonke zizale amatakane anemizila.

9. UThixo uyihluthile imfuyo kayihlo, wayinika mna.

10. “Ngexesha ekwakukhwelwa iimazi ndaba nephupha: ndaphakamisa amehlo, ndabona iinkunzi zeebhokhwe ezazikhwela iimazi, zingcitha, zingcaka.

11. Sathi kum isithunywa sikaThixo ngephupha: ‘Yakobi!’ Ndasabela ndathi: ‘Ndim lo.’

12. Sithe ke sona: ‘Phakamisa amehlo, ubone zonke iinkunzi zeebhokhwe ezikhwelayo zingcitha, zingcaka. Ndiyibonile yonke into akwenze yona uLabhan; kungoko ndisenza le nto.

13. Mna ndingulaa Thixo wabonakala kuwe eBhetele, apho wathambisa khona ngamafutha ilitye lesikhumbuzo, apho wawenze khona isifungo. Ngoku ke lishiye eli lizwe, ubuyele kwelakowenu.’ ”

14. Bathe ukuphendula ooRakeli noLeya: “Asisenabango thina kwizinto zikatata.

15. Usiphethe okwabantu basemzini. Wasithengisa, wayitya yaphela naloo nto wayifumana ngathi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 31