Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 3:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya.

7. Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa.

8. Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho.

9. UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?”

10. Yaphendula yathi: “Ndive isandi sokuza kwakho, ndaza ndoyika ndazimela, kuba ndihamba ze.”

11. Uthe uThixo: “Ùve ngabani ukuba uhamba ze? Utyile kulaa mthi bendithe uze ungatyi kuwo?”

12. Ithe indoda ukuphendula: “Ngulo mfazi ùndinike yena lo úndiphileyo, nam ke ndatya.”

13. UNdikhoyo uThixo wambuza umfazi esithi: “Ùyenzele ntoni into enje?”Uphendule umfazi wathi: “Ndikhohliswe yinyoka, nam ke ndatya.”

14. *UNdikhoyo uThixo uthe kuyo inyoka:“Ngenxa yesi senzo uqalekisiwe wena kuzo zonke izilo.Ukususela ngoku uya kurhubuluza ngesisu,utye uthuli bonke ubomi bakho.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 3