Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 3:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?”

2. “Hayi, singatya nakuwuphi na umthi osemyezweni,” utshilo umfazi ukuphendula.

3. “Ngumthi ophaya esidikidikini somyezo qha esingenakutya kuwo. UThixo uthe maze singazityi iziqhamo zawo, singaziphathi nokuziphatha oku, ukuba asifuni kufa.”

4. Ithe ukuphendula inyoka: “Hayi, anisoze nife.

5. Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.”

6. Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya.

7. Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa.

8. Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho.

9. UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?”

10. Yaphendula yathi: “Ndive isandi sokuza kwakho, ndaza ndoyika ndazimela, kuba ndihamba ze.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 3