2. Hamba uye kulonyoko ePadan-aram, kwaBhetuweli, uzithathele umfazi apho phakathi kweentombi zikanyokolume uLabhan.
3. Wanga uThixo uSomandla angakusikelela, akunike inzala, yande, ibe zizizwe ezininzi.
4. Wanga uThixo angawagqithisela kuwe nakwinzala yakho amathamsanqa ka-Abraham, niwume loo mhlaba uThixo wayemise kuwo uAbraham kuqala.”
5. Wenjenjalo ke uIsake ukundulula uYakobi, emthumela ePadan-aram kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram. Lo Labhan ngumnakwabo-Rabheka unina kaYakobi noEsawu.
6. UEsawu weva ukuba uYakobi usikelelwe wathunyelwa ePadan-aram,Oko kukuthi “kwiMesopotami engentla” ukuba aye kufuna umfazi. Weva nokuba xa wayesikelelwa wayalelwa ukuba angaze athathe umfazi eKanana.
7. Weva nokuba uYakobi wamthobela uyise nonina, waya ePadan-aram.
8. Waqonda ke uEsawu ukuba uyise wayengazithandi iintombi zaseKanana.
9. Waya kwaIshmayeli ke, unyana ka-Abraham, wathatha intombi yakhe uMahalati, udade boNebhayoti.
10. Wenjenjeya ukusuka eBheshebha uYakobi, esinga eHaran.