Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 28:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wangenwa luvalo kwaoko, wathi: “Hayi ukoyikeka kwayo le ndawo! Yindlu kaThixo le! Lisango lezulu eli!”

18. Wavuka kwangentseni uYakobi. Wathatha elo litye wayeqamele ngalo, wenza ngalo isikhumbuzo; waligalela amafutha.

19. Wathi loo ndawo yiBhetele. Kodwa ke isixeko salapho kwakusithiwa yiLuzi.

20. UYakobi ke yena wenza esi sifungo: “Ukuba uThixo undigcinile wandilondoloza kolu hambo, andiphe ukutya nezambatho

21. ndide ndibuyele ekhaya, ngenene ndiya kumkhonza uNdikhoyo, abe nguThixo wam.

22. Eli litye lesikhumbuzo ndilimise apha liya kuba yindawo yokunqulela uThixo. Ndiya kumahlulela isishumi kwizinto andipha zona.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 28