Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 28:10-21 Ibhayibhile (XHO96)

10. Wenjenjeya ukusuka eBheshebha uYakobi, esinga eHaran.

11. Wafika ndaweni ithile, walalisa apho, kuba laliselitshonile ilanga. Uthathe ilitye, waqamela ngalo, walala.

12. Waphupha ngathi ubona ileli esuka emhlabeni, yaya kuthi xhaxhe ngesibhakabhaka. Izithunywa zikaThixo zazisihla zinyuka ngayo.

13. Wabona *uNdikhoyo emi ngakuye esithi: “NdinguNdikhoyo, uThixo kayihlo-mkhulu uAbraham noyihlo uIsake. Lo mhlaba ulele kuwo uya kumiwa nguwe nayinzala yakho.

14. Inzala yakho iya kuba ngangentlabathi ubuninzi bayo. Yaye iya kuxanda, inabe kumacala onke. Zonke izizwe ziya kuthamsanqeliswa ngenxa yakho nenzala yakho.

15. Ndiza kusoloko ndinawe, ndikukhusele naphi na apho uya khona, ndibuye ndikubuyisele kwakule ndawo. Andiyi kukushiya ndide ndizenze zonke izinto endizithembisileyo.”

16. Akuphaphama uYakobi, wathi: “Ngenene uNdikhoyo ukho kule ndawo; ndibe bendingayazi loo nto.”

17. Wangenwa luvalo kwaoko, wathi: “Hayi ukoyikeka kwayo le ndawo! Yindlu kaThixo le! Lisango lezulu eli!”

18. Wavuka kwangentseni uYakobi. Wathatha elo litye wayeqamele ngalo, wenza ngalo isikhumbuzo; waligalela amafutha.

19. Wathi loo ndawo yiBhetele. Kodwa ke isixeko salapho kwakusithiwa yiLuzi.

20. UYakobi ke yena wenza esi sifungo: “Ukuba uThixo undigcinile wandilondoloza kolu hambo, andiphe ukutya nezambatho

21. ndide ndibuyele ekhaya, ngenene ndiya kumkhonza uNdikhoyo, abe nguThixo wam.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 28