38. Uthe uEsawu: “Tata, kuphela kwentsikelelo obunayo leyo? Akusekho yimbi? Tata, nam ndisikelele!” Watsho ekhala uEsawu.
39. Wahlabeka uyise, wenjenje:“Wena uya kuba kude lee nenqatha lokuchuma komhlaba;uya kuba kude lee kumbethe ovuza ezulwini.
40. Uya kuphila ngekrele uphantsi komninawa wakho;kambe ke liya kufika ithuba apho uya kudinwa khona,uyaphule loo dyokhwe yakhe isentanyeni yakho.”
41. UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yeentsikelelo awazifumana kuyise. Wadumzela wathi: “Iya kuze ifike yona imini yokuba angabikho utata; ndakuze ndimbulale uYakobi lo.”
42. Akuyixelelwa into ethethwe nguEsawu, uRabheka wabiza uYakobi, wathi kuye: “UEsawu ufuna ukukubulala.
43. Ke, nyana wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona. Zimela, ubalekele kumnakwethu uLabhan eHaran.