Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 26:3-18 Ibhayibhile (XHO96)

3. Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa.

4. Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho.

5. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”

6. Wema apho eGerare ke uIsake.

7. Wayesithi akubuzwa ngomkakhe ngamadoda alapho, athi ngudade wabo. Wayesoyika ukuthi uRabheka ngumkakhe, hleze ambulale athathe uRabheka, kuba wayemhle kakhulu.

8. Wayeselenethuba elide elapho uIsake. Ngamhla uthile uAbhimeleki wabona uIsake ngefestile esanga uRabheka.

9. UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ingumkakho nje lo, kutheni le nto uhamba usithi ngudade wenu?”Uthe uIsake: “Ndoyika ukubulawa ngenxa yakhe.”

10. Uthe uAbhimeleki: “Imbi le nto uyenzileyo. Enye indoda ibisenokulala nomkakho, loo nto ke isifake etyaleni.”

11. Wabayala ke bonke abantu uAbhimeleki ukuba bangabakhathazi ooIsake nomkakhe, esithi owenjenjalo wobulawa.

12. UIsake walima amasimi akhe ngaloo nyaka, isivuno sakhe saba sikhulu ngokuphinda-phindeneyo, kuba kaloku uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.

13. Waya ehluma wada wasisinhanha somfo.

14. AmaFilistiya ammonela ngenxa yemihlambi awayenayo yeegusha neenkomo, nezicaka ezininzi.

15. Asuka ayidiba yonke imithombo eyembiwa zizicaka zikayise uAbraham.

16. UAbhimeleki weza kuIsake, wathi makemke kwilizwe labo, kuba wayebaluleke ngaphezu kwabo.

17. Wemka ke uIsake, waya kumisa umzi wakhe kuloo ntlambo yaseGerare. Wakha wathi vu apho okwexeshana.

18. Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 26