Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 26:29-35 Ibhayibhile (XHO96)

29. ukuba akuyi kusenza nto, njengoko nathi singekhe sikwenze nto imbi. Kucacile kuthi ngoku ukuba wena uyathamsanqeliswa nguNdikhoyo.”

30. UIsake wabenzela isidlo, kwatyiwa, kwaselwa.

31. Ngengomso bavuka kwakusasa, bazenza izifungo zemvumelwano, banduluka, bahlukana bevana.

32. Ngaloo mhla izicaka zikaIsake zeza kumxelela ngomthombo ezawufumanayo, zawemba.

33. Wathi igama laloo mthombo yiShebha. Lavela apho ke igama lesixeko ekuthiwa yiBheshebha.

34. Akuba mashumi mane ubudala uEsawu, wathatha iintombi zamaHeti zambini. YayinguJuditi intombi kaBheri, noBhasemati intombi kaElon.

35. Aba bafazi babahlalisa kabuhlungu ooIsake noRabheka.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 26