Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 26:21-30 Ibhayibhile (XHO96)

21. Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.

22. Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”

23. Wanduluka nalapho uIsake, wasinga eBheshebha.

24. UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.”

25. Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.

26. UAbhimeleki weza evela eGerare, ehamba kunye noAwuzati, iphakathi lakhe, kunye noPikoli, umphathi-mkhosi, behambele uIsake.

27. Wabuza ke uIsake wathi: “Ngaba nindihambele ngantoni ngoku, nakuba benindiphethe kakubi ndada ndalishiya ilizwe lenu?”

28. Bathe: “Siyaqonda ngoku ukuba *uNdikhoyo unawe. Saye ke sicinga ukuba kufuneka kukho isibhambathiso esisenzayo nawe. Sifuna ufunge

29. ukuba akuyi kusenza nto, njengoko nathi singekhe sikwenze nto imbi. Kucacile kuthi ngoku ukuba wena uyathamsanqeliswa nguNdikhoyo.”

30. UIsake wabenzela isidlo, kwatyiwa, kwaselwa.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 26