Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 26:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. UAbhimeleki weza kuIsake, wathi makemke kwilizwe labo, kuba wayebaluleke ngaphezu kwabo.

17. Wemka ke uIsake, waya kumisa umzi wakhe kuloo ntlambo yaseGerare. Wakha wathi vu apho okwexeshana.

18. Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.

19. Izicaka zikaIsake zemba kuloo ntlambo, zafumana iliso lomthombo.

20. Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.

21. Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 26