Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 26:15-25 Ibhayibhile (XHO96)

15. Asuka ayidiba yonke imithombo eyembiwa zizicaka zikayise uAbraham.

16. UAbhimeleki weza kuIsake, wathi makemke kwilizwe labo, kuba wayebaluleke ngaphezu kwabo.

17. Wemka ke uIsake, waya kumisa umzi wakhe kuloo ntlambo yaseGerare. Wakha wathi vu apho okwexeshana.

18. Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.

19. Izicaka zikaIsake zemba kuloo ntlambo, zafumana iliso lomthombo.

20. Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.

21. Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.

22. Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”

23. Wanduluka nalapho uIsake, wasinga eBheshebha.

24. UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.”

25. Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 26