Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 26:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwafika indlala kwelo zwe, ngaphandle kwaleya yakhe yabakho ngexesha lika-Abraham. UIsake ke waya kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilistiya, owayemi eGerare.

2. *UNdikhoyo wavela ephupheni kuIsake esithi: “Uze ungayi eJiputa; yima kumhlaba endithi hlala kuwo.

3. Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa.

4. Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho.

5. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 26