Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 25:9-24 Ibhayibhile (XHO96)

9. Wangcwatyelwa kulaa mqolomba useMakapela ngoonyana bakhe uIsake noIshmayeli. Wawungasempumalanga yeMamre entsimini awayeyifumene kuEfron unyana kaZoware umHeti.

10. Yilaa ntsimi uAbraham wayeyithenge kumaHeti. Wangcwatyelwa apho ke kuloo ndawo wayengcwatywe kuyo uSara umkakhe.

11. Akubhubha uAbraham, uThixo wamthamsanqelisa uIsake unyana wakhe owayemi ngasemthonjeni kaPhila-endibonile.

12-13. Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam,

14. uMishma, noDuma, noMasa;

15. uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama.

16. Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo.

17. UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala.

18. Isizukulwana sakhe saya kuma kulaa mhlaba uphakathi kweHavila neShure, ngasempumalanga yeJiputa xa ujonge eAsiriya. Babemi bethe geqe kwabanye abazukulwana baka-Abraham.

19. Nanga amagqabantshintshi ngoIsake unyana ka-Abraham.

20. UIsake wayeselemashumi mane eminyaka ubudala ukuthatha kwakhe uRabheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, ekwangudade boLabhan.

21. URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka.

22. Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:

23. “Uthwele izizwe ezibini;uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,olunye longamele olunye,omkhulu abe phantsi komncinci.”

24. Lakufika ixesha lakhe lokukhululeka, wazala amawele.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 25