Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 25:15-27 Ibhayibhile (XHO96)

15. uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama.

16. Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo.

17. UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala.

18. Isizukulwana sakhe saya kuma kulaa mhlaba uphakathi kweHavila neShure, ngasempumalanga yeJiputa xa ujonge eAsiriya. Babemi bethe geqe kwabanye abazukulwana baka-Abraham.

19. Nanga amagqabantshintshi ngoIsake unyana ka-Abraham.

20. UIsake wayeselemashumi mane eminyaka ubudala ukuthatha kwakhe uRabheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, ekwangudade boLabhan.

21. URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka.

22. Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:

23. “Uthwele izizwe ezibini;uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,olunye longamele olunye,omkhulu abe phantsi komncinci.”

24. Lakufika ixesha lakhe lokukhululeka, wazala amawele.

25. Iwele elikhulu lalibomvana linga lambeswe ngengubo yoboya, kwathiwa ke nguEsawu igama lalo.

26. Elincinci lavela libambelele nkqi esithendeni sikaEsawu, kwathiwa ke lona nguYakobi. Ukuzalwa kwala mawele uIsake wayeselemashumi mathandathu ubudala.

27. Akukhula la makhwenkwe, uEsawu waba lizingela lomfo othanda ukusoloko esendle. UYakobi yena wathanda ukusoloko esekhaya, ephila ubomi obuzinzileyo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 25