Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:56-67 Ibhayibhile (XHO96)

56. Ithe induna: “Hayi, sanukundibambezela; uNdikhoyo ewuqabelisile nje umcimbi ebendiwuhambele, yini ngoku? Ndiyekeni ndibuyele ekhaya kwinkosi yam.”

57. Bathe ke makhe kubizwe uRabheka, khe kuviwe kuye.

58. Ubiziwe ke, wabuzwa ukuba uyahamba na kunye nalo mfo. Uphendule ngelithi: “Ewe, ndiyahamba.”

59. Bamkhulula ke uRabheka ukuba ahambe naloo nduna ka-Abraham kunye naloo madoda yayihamba nawo. Waphelekwa sisicakakazi sakowabo awayekhulela phantsi kwaso.

60. Bamndulula ngentsikelelo, besithi:“Hamba ke, ntombi!Unga ungazala waphule uluthi,ube nenyambalala yabantwana.Banga bangazoyis' iintshaba zabo,baziphange nemihlaba yazo.”

61. URabheka kunye nabafazana ababemkhapha bazilungiselela ukukhwela iinkamela, baza banduluka kunye nesicaka sika-Abraham.

62. UIsake wayeselefudukile waya kutsho ngakumthombo kaPhila-endibonile, selemi emazantsi eKanana.

63. Ngamhla uthile ngorhatya uIsake wayehamba-hamba endle, wabona kusithi gqi iinkamela, zisiza ngakuye.

64. URabheka akubona uIsake wehla enkameleni yakhe,

65. wabuza kwinduna ka-Abraham wathi: “Ngubani lowa ucanda emasimini esihlangabeza?”Ithe ukuphendula: “Yinkosi yam leya.” Kwangoko uRabheka uthathe iqhiya yakhe, wazigquma ubuso.

66. Yambalisela konke induna uIsake.

67. UIsake umngenise uRabheka kulaa ntente yayiyekanina uSara, wamenza umkakhe. UIsake wayemthanda kakhulu uRabheka, kangangokuba savaleka nesikroba esabangwa kukusweleka kukanina uSara.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24