Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:52-57 Ibhayibhile (XHO96)

52. Yakuyiva loo nto induna ka-Abraham yaguqa yathandaza ibonga uNdikhoyo.

53. Ikhuphe izambatho ezihle, nezacholo zegolide nezesiliva, yazinika uRabheka. Iphe nomnakwabo kunye nonina izipho zexabiso.

54. Emva koko loo nduna ka-Abraham yaya kutya naloo madoda yayihamba nawo. Balala apho ngobo busuku. Bathe bakuvuka ngengomso, yathi induna ka-Abraham: “Siza kucela indlela sigoduke namhlanje.”

55. Umnakwabo-Rabheka nonina bathe: “Ubungeyishiyi na intombi okweentsukwana nokuba zilishumi, ize ibuye ilandele?”

56. Ithe induna: “Hayi, sanukundibambezela; uNdikhoyo ewuqabelisile nje umcimbi ebendiwuhambele, yini ngoku? Ndiyekeni ndibuyele ekhaya kwinkosi yam.”

57. Bathe ke makhe kubizwe uRabheka, khe kuviwe kuye.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24