Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:47-59 Ibhayibhile (XHO96)

47. Ndibuze ukuba uyintombi kabani na. Wathi yena uyintombi kaBhetuweli ozalwa nguNahore noMilika. Ndimfake elaa jikazi ahombe ngalo, ndamnxiba nezacholo ezingalweni.

48. Ndiguqile, ndinqula ndibulela uNdikhoyo uThixo ka-Abraham inkosi yam, lo undizise ngqo apha kwintombi engumzukulwana womtakwabo wenkosi yam engendela kunyana wayo.

49. Yitshoni ke ngoku ukuba nizimisele ukuyenzela le mbeko inkosi yam, ninyaniseke kuyo; naxa kungenjalo ndixeleleni, khon' ukuze ndibone cebo limbi.”

50. Bathe ukuphendula ooLabhan noBhetuweli: “Asingethi: ‘Hayi,’ okanye: ‘Ewe;’ kuba sijongile nje ngathi le nto ayiyodwa, inomnwe kaNdikhoyo kuyo.

51. Nanku uRabheka, ukho; mthathe uhambe naye, aye kwendela kunyana wenkosi yakho, njengoko ebonile uNdikhoyo.”

52. Yakuyiva loo nto induna ka-Abraham yaguqa yathandaza ibonga uNdikhoyo.

53. Ikhuphe izambatho ezihle, nezacholo zegolide nezesiliva, yazinika uRabheka. Iphe nomnakwabo kunye nonina izipho zexabiso.

54. Emva koko loo nduna ka-Abraham yaya kutya naloo madoda yayihamba nawo. Balala apho ngobo busuku. Bathe bakuvuka ngengomso, yathi induna ka-Abraham: “Siza kucela indlela sigoduke namhlanje.”

55. Umnakwabo-Rabheka nonina bathe: “Ubungeyishiyi na intombi okweentsukwana nokuba zilishumi, ize ibuye ilandele?”

56. Ithe induna: “Hayi, sanukundibambezela; uNdikhoyo ewuqabelisile nje umcimbi ebendiwuhambele, yini ngoku? Ndiyekeni ndibuyele ekhaya kwinkosi yam.”

57. Bathe ke makhe kubizwe uRabheka, khe kuviwe kuye.

58. Ubiziwe ke, wabuzwa ukuba uyahamba na kunye nalo mfo. Uphendule ngelithi: “Ewe, ndiyahamba.”

59. Bamkhulula ke uRabheka ukuba ahambe naloo nduna ka-Abraham kunye naloo madoda yayihamba nawo. Waphelekwa sisicakakazi sakowabo awayekhulela phantsi kwaso.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24