Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:37-51 Ibhayibhile (XHO96)

37. Inkosi yam uAbraham yathi mandifunge ukuba andiyi kumthathela umfazi unyana wakhe phakathi kweentombi zaseKanana apho akhoyo.

38. Wathi kufuneka ndiye kowabo, ndimthathele umfazi unyana wakhe phakathi kwezizalwane zakhe.

39. Ndathi ke mna kuye: ‘Ukuba loo ntombi ayifuni kumka kowayo, ze ndithini?’

40. Wathi yena uNdikhoyo amkhonzayo wothumela isithunywa sakhe phambi kwam, khon' ukuze uphumelele umcimbi endiwuhambelayo. Mna kufuneka ndithathe umfazi kowabo, phakathi kwezizalwana zakhe.

41. Wathi ukuba ndiyenzile loo nto, zaza izizalwana zakhe azavuma ukundinika intombi yazo, ndoba ke mna ndikhululekile esifungweni sam.

42. “Ndithe ke ndakufika kulaa mthombo namhlanje, ndamcela uNdikhoyo uThixo wenkosi yam uAbraham ukuba ze lo mcimbi ndiwuhambeleyo uphumelele.

43. Ndathi: ‘Ndim lo, ndimi apha ngakulo mthombo. Ze kuthi ke xa kukho ntombi ifikayo apha, ndithi ndakucela amanzi

44. indiphe, ivume ukuseza neenkamela zam, ndiya kuqonda ngaloo nto ke ukuba yile uyikhethele unyana wenkosi yam.’

45. Ndithe ndingekaphezi noko kuthandaza wee gqi uRabheka ethwele ingqayi, wehla waya kukha amanzi emthonjeni. Ndicelile ukuba andiphe amanzi ndisele.

46. Kwangoko uyithule ingqayi abeyithwele, wathi mandisele, watsho esithi neenkamela zam uza kuzithuthela amanzi zisele. Ndisele ke, neenkamela zam zasela.

47. Ndibuze ukuba uyintombi kabani na. Wathi yena uyintombi kaBhetuweli ozalwa nguNahore noMilika. Ndimfake elaa jikazi ahombe ngalo, ndamnxiba nezacholo ezingalweni.

48. Ndiguqile, ndinqula ndibulela uNdikhoyo uThixo ka-Abraham inkosi yam, lo undizise ngqo apha kwintombi engumzukulwana womtakwabo wenkosi yam engendela kunyana wayo.

49. Yitshoni ke ngoku ukuba nizimisele ukuyenzela le mbeko inkosi yam, ninyaniseke kuyo; naxa kungenjalo ndixeleleni, khon' ukuze ndibone cebo limbi.”

50. Bathe ukuphendula ooLabhan noBhetuweli: “Asingethi: ‘Hayi,’ okanye: ‘Ewe;’ kuba sijongile nje ngathi le nto ayiyodwa, inomnwe kaNdikhoyo kuyo.

51. Nanku uRabheka, ukho; mthathe uhambe naye, aye kwendela kunyana wenkosi yakho, njengoko ebonile uNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24