Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:34-43 Ibhayibhile (XHO96)

34. “Mna ndisisicaka sika-Abraham,” utshilo lo mfo.

35. “UNdikhoyo wamthamsanqelisa uAbraham, wamenza isityebi. Uneenkomo, neegusha, neebhokhwe, kunye nemali yesiliva negolide. Unazo nezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo, ukwanazo neenkamela needonki.

36. USara inkosikazi yenkosi yam wazala unyana sele aluphele. Nguloo nyana indlalifa ka-Abraham.

37. Inkosi yam uAbraham yathi mandifunge ukuba andiyi kumthathela umfazi unyana wakhe phakathi kweentombi zaseKanana apho akhoyo.

38. Wathi kufuneka ndiye kowabo, ndimthathele umfazi unyana wakhe phakathi kwezizalwane zakhe.

39. Ndathi ke mna kuye: ‘Ukuba loo ntombi ayifuni kumka kowayo, ze ndithini?’

40. Wathi yena uNdikhoyo amkhonzayo wothumela isithunywa sakhe phambi kwam, khon' ukuze uphumelele umcimbi endiwuhambelayo. Mna kufuneka ndithathe umfazi kowabo, phakathi kwezizalwana zakhe.

41. Wathi ukuba ndiyenzile loo nto, zaza izizalwana zakhe azavuma ukundinika intombi yazo, ndoba ke mna ndikhululekile esifungweni sam.

42. “Ndithe ke ndakufika kulaa mthombo namhlanje, ndamcela uNdikhoyo uThixo wenkosi yam uAbraham ukuba ze lo mcimbi ndiwuhambeleyo uphumelele.

43. Ndathi: ‘Ndim lo, ndimi apha ngakulo mthombo. Ze kuthi ke xa kukho ntombi ifikayo apha, ndithi ndakucela amanzi

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24