Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:28-36 Ibhayibhile (XHO96)

28. Loo ntombi yabaleka ukuya kowayo, yafika yabalisa.

29. URabheka wayenomnakwabo ekuthiwa nguLabhan. Yena wasukela ukuya emthonjeni apho kwakukho isicaka sika-Abraham.

30. ULabhan wayelibonile ijikazi nezacholo zodade wabo, eyivile nento eyathethwa nguloo mfo kuye. Ufike wathi kweso sicaka sika-Abraham sasimi ngasemthonjeni neenkamela zaso:

31. “Mhlekazi, wena uNdikhoyo ukuthamsanqelisile; yiza siye ekhaya; mus' ukum' apha. Kukho indawo ekhaya, nditsho neyokugcina iinkamela zakho.”

32. Yahamba naye ke loo ndoda, yaya kowabo, uLabhan wazithula imithwalo iinkamela, wazipha nokutya. Weza namanzi, aza loo madoda ahlamba iinyawo.

33. Kweziswa nokutya, sathi isicaka sika-Abraham: “Andikazi kutya ndide ndiluthethe udaba endihambele lona.”Uthe uLabhan: “Thetha sive.”

34. “Mna ndisisicaka sika-Abraham,” utshilo lo mfo.

35. “UNdikhoyo wamthamsanqelisa uAbraham, wamenza isityebi. Uneenkomo, neegusha, neebhokhwe, kunye nemali yesiliva negolide. Unazo nezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo, ukwanazo neenkamela needonki.

36. USara inkosikazi yenkosi yam wazala unyana sele aluphele. Nguloo nyana indlalifa ka-Abraham.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24