Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:23-34 Ibhayibhile (XHO96)

23. Wabuza wathi: “Uyintombi kabani? Phofu singayifumana indawo yokulala kowenu, sikhe siphumle ngokuhlwanje?”

24. “Ndiyintombi kaBhetuweli, ozalwa nguNahore noMilika,” yatsho ukuphendula.

25. “Kukho iindiza nehabile eninzi ekhaya, ikwakho nendawo yokulala.”

26. Loo ndoda yaguqa yathandaza yathi:

27. “Makabongwe uNdikhoyo, uThixo ka-Abraham inkosi yam, othe wanyaniseka ekugcineni isithembiso sakhe. NguNdikhoyo ondikhokelele ngqo emzini wezizalwana zenkosi yam.”

28. Loo ntombi yabaleka ukuya kowayo, yafika yabalisa.

29. URabheka wayenomnakwabo ekuthiwa nguLabhan. Yena wasukela ukuya emthonjeni apho kwakukho isicaka sika-Abraham.

30. ULabhan wayelibonile ijikazi nezacholo zodade wabo, eyivile nento eyathethwa nguloo mfo kuye. Ufike wathi kweso sicaka sika-Abraham sasimi ngasemthonjeni neenkamela zaso:

31. “Mhlekazi, wena uNdikhoyo ukuthamsanqelisile; yiza siye ekhaya; mus' ukum' apha. Kukho indawo ekhaya, nditsho neyokugcina iinkamela zakho.”

32. Yahamba naye ke loo ndoda, yaya kowabo, uLabhan wazithula imithwalo iinkamela, wazipha nokutya. Weza namanzi, aza loo madoda ahlamba iinyawo.

33. Kweziswa nokutya, sathi isicaka sika-Abraham: “Andikazi kutya ndide ndiluthethe udaba endihambele lona.”Uthe uLabhan: “Thetha sive.”

34. “Mna ndisisicaka sika-Abraham,” utshilo lo mfo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24