Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:16-33 Ibhayibhile (XHO96)

16. Wayeyinzwakazi, eseyintombi nto engayaziyo indoda. Wehla waya emthonjeni, wayizalisa ingqayi, wabuya.

17. Loo mfo wakhawuleza ukumhlangabeza, wathi: “Khawundiphe amanzi ndisele kuloo ngqayi yakho.”

18. Wathi uRabheka: “Ungasela, mhlekazi.” Watsho eyithoba ingqayi, wambambela lo gama aselayo.

19. Akugqiba ukusela loo mfo, uthe uRabheka: “Ndiza kuzikhelela neenkamela zakho, zisele zanele.”

20. Wawagalela loo manzi ayesengqayini kwindawo yokuselela iinkamela, waquqa esiya kukha amanye, zada zasela zanela.

21. Lo mfo wayebukele ethe cwaka, ecinga ukuba ngaba lwaluphumelele na uhambo lwakhe.

22. Zakugqiba ukusela iinkamela loo mfo wakhupha ijikazi legolide, waliqhoboshela empumlweni kaRabheka, wamfaka nezacholo zegolide ezingalweni.

23. Wabuza wathi: “Uyintombi kabani? Phofu singayifumana indawo yokulala kowenu, sikhe siphumle ngokuhlwanje?”

24. “Ndiyintombi kaBhetuweli, ozalwa nguNahore noMilika,” yatsho ukuphendula.

25. “Kukho iindiza nehabile eninzi ekhaya, ikwakho nendawo yokulala.”

26. Loo ndoda yaguqa yathandaza yathi:

27. “Makabongwe uNdikhoyo, uThixo ka-Abraham inkosi yam, othe wanyaniseka ekugcineni isithembiso sakhe. NguNdikhoyo ondikhokelele ngqo emzini wezizalwana zenkosi yam.”

28. Loo ntombi yabaleka ukuya kowayo, yafika yabalisa.

29. URabheka wayenomnakwabo ekuthiwa nguLabhan. Yena wasukela ukuya emthonjeni apho kwakukho isicaka sika-Abraham.

30. ULabhan wayelibonile ijikazi nezacholo zodade wabo, eyivile nento eyathethwa nguloo mfo kuye. Ufike wathi kweso sicaka sika-Abraham sasimi ngasemthonjeni neenkamela zaso:

31. “Mhlekazi, wena uNdikhoyo ukuthamsanqelisile; yiza siye ekhaya; mus' ukum' apha. Kukho indawo ekhaya, nditsho neyokugcina iinkamela zakho.”

32. Yahamba naye ke loo ndoda, yaya kowabo, uLabhan wazithula imithwalo iinkamela, wazipha nokutya. Weza namanzi, aza loo madoda ahlamba iinyawo.

33. Kweziswa nokutya, sathi isicaka sika-Abraham: “Andikazi kutya ndide ndiluthethe udaba endihambele lona.”Uthe uLabhan: “Thetha sive.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24