Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 24:11-30 Ibhayibhile (XHO96)

11. Yafika ukutshona kwelanga apho, ngexesha kanye iintombi ziya kukha amanzi. Iinkamela yaziphumza ngakumthombo owawusekungeneni kwesixeko eso.

12. Wathandaza loo mfo wathi: “Ndikhoyo, Thixo wenkosi yam uAbraham, khawundincede namhlanje usikhumbule isithembiso owasenza kuAbraham.

13. Naku ndilapha ngakulo mthombo, apho iintombi zalapha zikha khona amanzi.

14. Maze kuthi ke xa ndithi kuzo mazindikhelele amanzi ndisele, ithi leyo ithe yandipha yaza yathi iza kupha neenkamela zam zisele, ndiqonde ngaloo nto ke ukuba yile uyikhethele ukuba yendele kuIsake isicaka sakho. Ndokwazi kananjalo ukuba usigcinile isithembiso owasenza enkosini yam uAbraham.”

15. Uthe engekaphezi nokuthandaza kwafika uRabheka emthonjeni, ethwele ingqayi yamanzi. Yena ke yintombi kaBhetuweli unyana kaNahore umninawa ka-Abraham. Unina kaBhetuweli nguMilika.

16. Wayeyinzwakazi, eseyintombi nto engayaziyo indoda. Wehla waya emthonjeni, wayizalisa ingqayi, wabuya.

17. Loo mfo wakhawuleza ukumhlangabeza, wathi: “Khawundiphe amanzi ndisele kuloo ngqayi yakho.”

18. Wathi uRabheka: “Ungasela, mhlekazi.” Watsho eyithoba ingqayi, wambambela lo gama aselayo.

19. Akugqiba ukusela loo mfo, uthe uRabheka: “Ndiza kuzikhelela neenkamela zakho, zisele zanele.”

20. Wawagalela loo manzi ayesengqayini kwindawo yokuselela iinkamela, waquqa esiya kukha amanye, zada zasela zanela.

21. Lo mfo wayebukele ethe cwaka, ecinga ukuba ngaba lwaluphumelele na uhambo lwakhe.

22. Zakugqiba ukusela iinkamela loo mfo wakhupha ijikazi legolide, waliqhoboshela empumlweni kaRabheka, wamfaka nezacholo zegolide ezingalweni.

23. Wabuza wathi: “Uyintombi kabani? Phofu singayifumana indawo yokulala kowenu, sikhe siphumle ngokuhlwanje?”

24. “Ndiyintombi kaBhetuweli, ozalwa nguNahore noMilika,” yatsho ukuphendula.

25. “Kukho iindiza nehabile eninzi ekhaya, ikwakho nendawo yokulala.”

26. Loo ndoda yaguqa yathandaza yathi:

27. “Makabongwe uNdikhoyo, uThixo ka-Abraham inkosi yam, othe wanyaniseka ekugcineni isithembiso sakhe. NguNdikhoyo ondikhokelele ngqo emzini wezizalwana zenkosi yam.”

28. Loo ntombi yabaleka ukuya kowayo, yafika yabalisa.

29. URabheka wayenomnakwabo ekuthiwa nguLabhan. Yena wasukela ukuya emthonjeni apho kwakukho isicaka sika-Abraham.

30. ULabhan wayelibonile ijikazi nezacholo zodade wabo, eyivile nento eyathethwa nguloo mfo kuye. Ufike wathi kweso sicaka sika-Abraham sasimi ngasemthonjeni neenkamela zaso:

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 24