Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 21:30-34 Ibhayibhile (XHO96)

30. Wathi uAbraham: “Wathathe la matakane asixhenxe. Ngokwenjenjalo ungqina ukuba lo mthombo wembiwa ndim.”

31. Yaba ke loo ndawo kuthiwa yiBheshebha ukubizwa kwayo, kuba kaloku kulapho loo madoda avumelana khona efunga.

32. Emva koko uAbhimeleki noPikoli babuyela kwakwelamaFilistiya.

33. UAbraham watyala umthi apho eBheshebha. Apho ke wamnqula *uNdikhoyo uThixo uSonini-nanini.

34. Wahlala kwelo lizwe lamaFilistiya ixesha elide.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 21