Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 21:24-34 Ibhayibhile (XHO96)

24. UAbraham wathi ukuphendula: “Ndiyathembisa.”

25. UAbraham wavakalisa kwanesikhalazo awayenaso kuAbhimeleki, esiphathelele nomthombo owahluthwa zizicaka zika-Abhimeleki.

26. Wathi uAbhimeleki: “Bendingazi ukuba ukho owenze loo nto; nawe ngokwakho akuzange wandixelela nokundixelela. Ndiyaqala namhlanje ukuyiva into enjalo.”

27. UAbraham ke wakhupha iinkomo neegusha, wazinika uAbhimeleki, baza benza imvumelwano.

28. UAbraham wakhetha amatakane asixhenxe kuloo mhlambi,

29. waza uAbhimeleki wathi kuAbraham: “Ngawantoni la matakane asixhenxe uwakhethileyo?”

30. Wathi uAbraham: “Wathathe la matakane asixhenxe. Ngokwenjenjalo ungqina ukuba lo mthombo wembiwa ndim.”

31. Yaba ke loo ndawo kuthiwa yiBheshebha ukubizwa kwayo, kuba kaloku kulapho loo madoda avumelana khona efunga.

32. Emva koko uAbhimeleki noPikoli babuyela kwakwelamaFilistiya.

33. UAbraham watyala umthi apho eBheshebha. Apho ke wamnqula *uNdikhoyo uThixo uSonini-nanini.

34. Wahlala kwelo lizwe lamaFilistiya ixesha elide.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 21