Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 21:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wamenzela isisa uSara ngokuthi asizalisekise isithembiso sakhe.

2. USara wakhulelwa, waza wazala umntwana oyinkwenkwe, sele aluphele uAbraham. Wamzala kanye ngelaa xesha wayelixelile uThixo.

3. Wamthiya igama loo mntwana uAbraham, wathi nguIsake.

4. Uthe ke akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, wamalusa uAbraham ngokomyalelo kaThixo.

5. UAbraham wayeselenekhulu leminyaka ukuzalwa kukaIsake.

6. Wada wathi uSara: “UThixo undenze ndakwazi ukuhleka, yaye wonke ubani oyivayo le nto wohleka kunye nam.”

7. Uqokele wathi: “Ibingubani kakade obenokuthi kuAbraham ndiza kuba ngumdlezana owanyisayo? Naku ke kodwa ndizele umntwana wakhe, eyinkothovu yexhego enjalo!”

8. Lwakhula usana lwada lwalunyulwa. Wenza elikhulu lona itheko uAbraham ukulunyulwa kwaloo mntwana.

9. Ngaminazana ithile uSara wabona umntakaHagare umJiputakazi, lowa uHagare wamfumana kuAbraham, edlala ngoIsake.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 21