Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 2:3-20 Ibhayibhile (XHO96)

3. Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.

4. Nanga amagqabantshintshi ngokudalwa kwezulu nehlabathi: Ekudalweni kwezulu nehlabathi nguThixo *uNdikhoyo

5. kwakungekho zityalo emhlabeni. Kwakungekho nambewu intshulayo, kuba kaloku wayengekayinisi emhlabeni imvula uNdikhoyo; kwakungekho namntu wakuwulima umhlaba lowo.

6. Kwagqabhuka amanzi emhlabeni, awunyakamisa umhlaba.

7. UNdikhoyo uThixo wacaphula umhlaba emhlabeni, wabumba umntu ngawo. Waphefumlela umoya obubomi emathatheni akhe, yaba ngumntu ophilayo lowo.

8. Emva koko uNdikhoyo uThixo wenza umyezo eIdeni empumalanga, wambeka apho loo mntu wayemenzile.

9. Wahlumisa iindidi zemithi emihle eneziqhamo ezinomtsalane apho eIdeni. Phakathi esidikidikini somyezo kwakukho umthi onika ubomi, nomthi wokucalula okubi nokuhle.

10. Kwakukho umlambo owawuphuma apho eIdeni, unyakamisa umyezo lowo. Wawusahlukana ube yimilambo emine wakuyishiya i-Ideni.

11. Owokuqala umlambo, okuthiwa yiPishoni, ngulo ujikeleze ilizwe lakwaHavila.

12. Kulapho kufunyanwa khona igolide, kunye namakha avumba limnandi, kwakunye namatye exabiso.

13. Owesibini umlambo yiGihoni; wona ujikeleze ilizwe lakwaKushe.

14. Owesithathu umlambo yiTigre; wona ucanda ngasempumalanga yeAsiriya. Owesine yiEfrati.

15. Umntu wabekwa nguNdikhoyo uThixo emyezweni waseIdeni ukuze awulime, awulondoloze.

16. UThixo wathi kuye: “Ungatya nakuwuphi na umthi osemyezweni;

17. kodwa uze ungatyi kumthi wokucalula okubi nokuhle. Mhla watya kuwo ngenene uya kufa.”

18. Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”

19. UNdikhoyo uThixo wayethathe umhlaba wabumba zonke iinyamakazi neentaka, wazisa kuloo ndoda ukuba izithiye amagama. Zawafumana njalo ke amagama azo ezo zinto.

20. Yazithiya amagama zonke iintaka neenyamakazi loo ndoda, kodwa akubangakho nanye kuzo eyafanela ukuba ngumlingane wayo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 2