Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 2:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. Yazithiya amagama zonke iintaka neenyamakazi loo ndoda, kodwa akubangakho nanye kuzo eyafanela ukuba ngumlingane wayo.

21. Usuke uNdikhoyo uThixo wayihlisela obunzulu bona ubuthongo obu indoda leyo. Ithe isalele njalo wakhupha ubambo kuyo, wabuya wayivala loo ndawo.

22. UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo.

23. Ithe ke indoda:“Nanku ke oyena-yena!Lithambo lamathambo am,nenyama yeenyama zam.Kuya kuthiwa ngumfazi,kuba uthathwe kumfo.”

24. Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.

25. Loo ndoda nomkayo babehamba ze, bengenazintloni.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 2