Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 2:11-25 Ibhayibhile (XHO96)

11. Owokuqala umlambo, okuthiwa yiPishoni, ngulo ujikeleze ilizwe lakwaHavila.

12. Kulapho kufunyanwa khona igolide, kunye namakha avumba limnandi, kwakunye namatye exabiso.

13. Owesibini umlambo yiGihoni; wona ujikeleze ilizwe lakwaKushe.

14. Owesithathu umlambo yiTigre; wona ucanda ngasempumalanga yeAsiriya. Owesine yiEfrati.

15. Umntu wabekwa nguNdikhoyo uThixo emyezweni waseIdeni ukuze awulime, awulondoloze.

16. UThixo wathi kuye: “Ungatya nakuwuphi na umthi osemyezweni;

17. kodwa uze ungatyi kumthi wokucalula okubi nokuhle. Mhla watya kuwo ngenene uya kufa.”

18. Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”

19. UNdikhoyo uThixo wayethathe umhlaba wabumba zonke iinyamakazi neentaka, wazisa kuloo ndoda ukuba izithiye amagama. Zawafumana njalo ke amagama azo ezo zinto.

20. Yazithiya amagama zonke iintaka neenyamakazi loo ndoda, kodwa akubangakho nanye kuzo eyafanela ukuba ngumlingane wayo.

21. Usuke uNdikhoyo uThixo wayihlisela obunzulu bona ubuthongo obu indoda leyo. Ithe isalele njalo wakhupha ubambo kuyo, wabuya wayivala loo ndawo.

22. UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo.

23. Ithe ke indoda:“Nanku ke oyena-yena!Lithambo lamathambo am,nenyama yeenyama zam.Kuya kuthiwa ngumfazi,kuba uthathwe kumfo.”

24. Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.

25. Loo ndoda nomkayo babehamba ze, bengenazintloni.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 2