Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 2:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Aba ke ngoko agqityiwe ukudalwa amazulu nehlabathi liphela.

2. Ngomhla wesixhenxe uThixo wayeselekugqibile konke awayekwenza, waza ke waphumla.

3. Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.

4. Nanga amagqabantshintshi ngokudalwa kwezulu nehlabathi: Ekudalweni kwezulu nehlabathi nguThixo *uNdikhoyo

5. kwakungekho zityalo emhlabeni. Kwakungekho nambewu intshulayo, kuba kaloku wayengekayinisi emhlabeni imvula uNdikhoyo; kwakungekho namntu wakuwulima umhlaba lowo.

6. Kwagqabhuka amanzi emhlabeni, awunyakamisa umhlaba.

7. UNdikhoyo uThixo wacaphula umhlaba emhlabeni, wabumba umntu ngawo. Waphefumlela umoya obubomi emathatheni akhe, yaba ngumntu ophilayo lowo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 2