Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 19:26-32 Ibhayibhile (XHO96)

26. Umka-Lothe wajonga ngasemva, suka wajika waba yintsika yetyuwa.

27. UAbraham wavuka kwakusasa, waya kulaa ndawo wayemi noNdikhoyo kuyo.

28. Wakhangela ezantsi eSodom naseGomora nakuloo ntili, wabona kukho ukuqhuma okungathi ngumsi ophuma eziko.

29. Kodwa uThixo wasikhumbula isicelo sika-Abraham ukubhubhisa kwakhe loo ntili, wamsindisa uLothe.

30. ULothe woyika ukuhlala eZoware. Uthe ngenxa yoko wenyukela ezintabeni kunye neentombi zakhe, wahlala emqolombeni.

31. Yathi intombi enkulu kudade wayo: “Ubawo uyaluphala, yaye akukho madoda apha kule ndawo angasitshatayo sizale.

32. Yiza simseze anxile, khon' ukuze simambathe, sifumane abantwana bakhe.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 19