Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 19:22-35 Ibhayibhile (XHO96)

22. Kodwa ke khawuleza ukuya apho, kuba akukho nto ndinokuyenza de ube ulapho.” Yiyo ke loo dolophu kuthiwa yiZoware.

23. Laliseliphumile ilanga ukufika kukaLothe eZoware.

24. *UNdikhoyo wathobela isalfa evuthayo phezu kweSodom neGomora,

25. wazibhubhisa kunye naloo ntili yonke, kunye nabo bonke abantu ababelapho, nento yonke ehlumayo.

26. Umka-Lothe wajonga ngasemva, suka wajika waba yintsika yetyuwa.

27. UAbraham wavuka kwakusasa, waya kulaa ndawo wayemi noNdikhoyo kuyo.

28. Wakhangela ezantsi eSodom naseGomora nakuloo ntili, wabona kukho ukuqhuma okungathi ngumsi ophuma eziko.

29. Kodwa uThixo wasikhumbula isicelo sika-Abraham ukubhubhisa kwakhe loo ntili, wamsindisa uLothe.

30. ULothe woyika ukuhlala eZoware. Uthe ngenxa yoko wenyukela ezintabeni kunye neentombi zakhe, wahlala emqolombeni.

31. Yathi intombi enkulu kudade wayo: “Ubawo uyaluphala, yaye akukho madoda apha kule ndawo angasitshatayo sizale.

32. Yiza simseze anxile, khon' ukuze simambathe, sifumane abantwana bakhe.”

33. Ngobo busuku bamntyintya ngewayini, yaza ke intombi enkulu yamambatha. ULothe wayenxile kangangokuba akazange akuqonde okwaqhubekayo.

34. Ngosuku olulandelayo yathi intombi enkulu kwencinci: “Bendikunye naye phezolo. Masiphinde nanamhlanje ngokuhlwa, ukuze nawe ulale naye. Sobabini ke soba nabantwana bakabawo osizalayo.”

35. Baphinda ke bamntyintya nangobo busuku, yamambatha nencinci intombi. Wayenxile engayazi into eqhubekayo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 19