Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 19:15-24 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngentseni izithunywa zamxhesha uLothe, zathi: “Gxabha-gxabhisa, ndoda, umke apha neentombi zakho kunye nomkakho. Kungenjalo uya kutshabalala xa kusohlwaywa le dolophu.”

16. Unge angazila-zila, suka zambamba ngesandla, zamkhuphela ngaphandle kwedolophu kunye nomkakhe neentombi zakhe. Kaloku uNdikhoyo wamenzela inceba uLothe.

17. Bakuba bengaphandle kwedolophu, esinye isithunywa sathi: “Balekani ukuze nisinde. Ze ningakhangeli ngasemva, ningemi nokuma phaya entilini. Balekelani phaya endulini, kungenjalo nani nakutshabalala.”

18. “Hayini noko, nkosi,” utshilo uLothe, “sanukundenjenjalo.

19. Sele undincedile kakade ngokundisindisa; noko kukude kakhulu phaya endulini. Le ntlekele isenokundifumana, ndife singekafiki nalapho.

20. Uyayibona laa dolophana? Ikufuphi noko yona. Yidolophana nje engenkulu. Mna ndithi ngesele ndisiya khona ukuze ndikhuseleke.”

21. Sithe isithunywa: “Kulungile ke. Andiyi kuba sayitshabalalisa loo dolophana uthetha ngayo.

22. Kodwa ke khawuleza ukuya apho, kuba akukho nto ndinokuyenza de ube ulapho.” Yiyo ke loo dolophu kuthiwa yiZoware.

23. Laliseliphumile ilanga ukufika kukaLothe eZoware.

24. *UNdikhoyo wathobela isalfa evuthayo phezu kweSodom neGomora,

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 19