Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 18:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabonakala kuAbraham ngakwimithi kaMamre. UAbraham wayehleli ngasemnyango wentente emini emaqanda.

2. Nako kusithi thu amadoda amathathu. Uthe ke ukuwabona kwakhe wakhawuleza ukuwahlangabeza, wafika waqubuda ekhahlela.

3. “Bahlekazi,” utshilo kuwo, “noko sanukudlula emzini wam ningakhanga nikhe nithule imithwalo. Kaloku ndikholo nina apha.

4. Ndinganiphathela amanzi, nikhe nihlambe iinyawo, lo gama nisaphumle phantsi kwalo mthi.

5. Ndiza kuniphathela nento etyiwayo, ukuze nifumane amandla endleleni. Nakuthi ke nandule ukuhamba loo ndlela yenu inidlulise ekhaya apha.”Athe ke wona amadoda: “Ngxatsho ke, ungénjenjalo.”

6. UAbraham wakhawuleza ukungena ententeni, wafika wathi kuSara: “Khawuthathe izitya ezithathu zomgubo wengqolowa, uxove wenze amaqebengwana, ukhawulezise.”

7. Watsho ekhawulezile uAbraham ukuya ezinkomeni, wafika wakhetha elona lityebileyo ithole, wathi malixhelwe ngokukhawuleza.

8. Wathatha amasi anengqaka nenyama leyo, wabeka phambi kwaloo madoda, azenzela apho phantsi kwaloo mthi, emi apho yena ngakuwo.

9. Ambuza athi: “Uphi na umkakho uSara?”Wathi: “Usendlwini.”

10. Lwathi olunye undwendwe: “Malunga neli xesha kunyaka ozayo ndobe ndibuye. USara umkakho woba enomntwana oyinkwenkwe.”USara wabavela emi emva kwabo ngasemnyango.

11. Bobabini, uAbraham noSara, babesebaluphele kakhulu, uSara selegqithile kwixabiso lokuzala.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 18