Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 17:10-23 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nantsi into emaniyenze nina ukuwugcina kwenu umnqopiso wam: Wena kufuneka waluke, kwaluke lonke iduna phakathi kwabantu bakho.

11-12. Ukususela ngoku wonke umntwana oyinkwenkwe kufuneka aluke eneentsuku ezisibhozo ubudala; nditsho nkqu nezicaka ezizalelwe phantsi kwakho kwanezo zingeneleleyo. Lowo ke uya kuba ngumqondiso womnqophiso phakathi kwakho nam.

13. Makwaluke wonke umntu, oyinzalelwane kwanothengiweyo, ube ngumqondiso obonakalayo lowo wokuba umnqophiso wam nawe awusoze uphele.

14. Nawuphi na umntu oliduna ongalukanga uya kuhlanjwa ngamawabo, kuba kaloku uwutyeshele umnqophiso wam.”

15. Uqhube wathi uThixo kuAbraham: “Uze ungabuye uthi Sarayi kumkakho, yithi Sara.

16. Ndiza kumthamsanqelisa, ndimenze akuzalele unyana. Ndiza kumsikelela abe ngunina wezizwe ngezizwe. Uya kuzala neekumkani.”

17. Waqubuda uAbraham, waya kuthi ngqu ngobuso phantsi. Wasuka waphela yintsini akucinga ukuba umntu onekhulu leminyaka angazala umntwana. Yena uSara enamashumi alithoba nje, angamfumana umntwana?

18. Wathi uAbraham kuThixo: “Kutheni ungaseluyeka nje ibe nguIshmayeli indlalifa yam?”

19. Uthe uThixo: “Hayi, uSara umkakho uza kuzala inkwenkwe. Uzuthi nguIsake igama layo. Umnqophiso wam ndowugcina kuye nakwinzala yakhe ngalo lonke ixesha, ingumnqophiso ongayi kujika nanini na.

20. Ndikuvile ucelela uIshmayeli, naye ndiza kumthamsanqelisa abe nabantwana abaninzi nesizukulwana esikhulu. Uya kuba nguyise weenkosi ezilishumi elinambini. Inzala yakhe iya kuba sisizwe esikhulu.

21. Kodwa wona umnqophiso wam ndiya kuwugcinela unyana wakho uIsake, oya kuzalwa nguSara malunga neli xesha kunyaka ozayo.”

22. Akuba etshilo kuAbraham uThixo wemka.

23. Kwangaloo mini uAbraham wamthobela uThixo, wamalusa uIshmayeli nawo onke amanye amaduna emzini wakhe. Walusa izicaka ezazalelwa kwakhe, kwanezo zazithengiwe.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 17