Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 17:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba mashumi asithoba anethoba ubudala uAbram, wabonakala kuye *uNdikhoyo, wathi: “Mna ndinguThixo uSomandla. Uze undithobele, uhlale ungasoleki.

2. Ndowugcina umnqophiso wam, ndikunike inzala eninzi.”

3. Wakhahlela uAbram, ubuso baya kuthi ngqu phantsi; waza uThixo waqhuba wathi:

4. “Ndikunika lo mnqophiso; ndithi uya kuba ngukhokho wezizwe ezininzi.

5. Akusayi kuthiwa Abram kuwe; uya kuba nguAbraham, kuba uza kuba ngukhokho wezizwe ngezizwe.

6. Ndiza kukupha inzala eninzi; abanye kuyo boba ziikumkani; kuya kuvela izizwe kuwe.

7. “Andiyi kuwujika umnqophiso wam endiwenze nawe kunye nenzala yakho; uya kuhlala uhleli. Ndoba nguThixo wakho nenzala yakho.

8. Lo mhlaba ungumfiki kuwo, ndiza kukunika wona uwume kunye nenzala yakho. Wonke umhlaba waseKanana uya kumiwa yinzala yakho ngalo lonke ixesha, mna ndibe nguThixo wabo.”

9. Waqokela wathi uThixo kuAbraham: “Nawe ke, kwakunye nenzala yakho ngokunjalo, ze niwugcine umnqophiso wam nakwizizukulwana ezizayo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 17