1. Akuba mashumi asithoba anethoba ubudala uAbram, wabonakala kuye *uNdikhoyo, wathi: “Mna ndinguThixo uSomandla. Uze undithobele, uhlale ungasoleki.
2. Ndowugcina umnqophiso wam, ndikunike inzala eninzi.”
3. Wakhahlela uAbram, ubuso baya kuthi ngqu phantsi; waza uThixo waqhuba wathi:
4. “Ndikunika lo mnqophiso; ndithi uya kuba ngukhokho wezizwe ezininzi.
5. Akusayi kuthiwa Abram kuwe; uya kuba nguAbraham, kuba uza kuba ngukhokho wezizwe ngezizwe.