3. Kwakhona uAbram uthe: “Akukho nzala undinike yona; ke sisicaka sam esiza kuba yindlalifa yam.”
4. Uthe ke uNdikhoyo ebhekisa kuAbram: “UElizere akayi kuba yindlalifa yakho. Ngunyana wakho nqo oya kuba yindlalifa yakho.”
5. UNdikhoyo wamkhuphela ngaphandle kwendlu uAbram, wathi: “Khangela esibhakabhakeni, uzibale iinkwenkwezi ezilapho, ukuba ungaba nako. Boba baninzi kangako abazukulwana bakho.”
6. UAbram walibeka kuNdikhoyo ithemba lakhe, waza ngenxa yoko wenziwa ilungisa.
7. Waqokela wathi kuye uNdikhoyo: “NdinguNdikhoyo owakukhupha kwilizwe lakowenu eUre yelamaKaledi, ukuze uze kuma kulo mhlaba, ube ngowakho.”
8. Ke yena uAbram wabuza wathi: “Mhlekazi Ndikhoyo, ndingaqonda njani ukuba lo mhlaba woba ngowam?”