Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 15:16-20 Ibhayibhile (XHO96)

16. Inzala yakho yobuyela apha emva kwezizukulwana ezine. Kaloku andiyi kuwakhupha kwangoku ama-Amori, bude buzaliseke ubugwenxa bawo.”

17. Kuthe kwakurhatyela, kwathi gqi imbiza iqhuma, nesikhuni esivuthayo, zadlula phakathi kwaloo mkrozo wenyama.

18. Waza ke uNdikhoyo wathi kuAbram esenza umnqophiso: “Ndiyathembisa ukuba wonke lo mhlaba, ukususela kwimida yeJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati, ndiza kuwunika inzala yakho,

19. ndawonye nomhlaba wamaKeni, amaKinazi, amaKadimon,

20. amaHeti, amaPerezi, namaRafa; ama-Amori, amaKanana, amaGirgashi, kunye namaJebhusi.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 15