Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 13:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wayefumile neenkomo, enayo nesiliva negolide.

3. Nalapho wemka, edlula kwiindawo ngeendawo, esingise eBhetele.

4. Wafika kulaa ndawo wakha wagxumeka kuyo iintente kuqala, leya iphahlwe yiBhetele neAyi, apho wayenzele khona uThixo iqonga, wanqula khona *uNdikhoyo.

5. ULothe naye wayeneegusha neebhokhwe neenkomo, nentsapho nezicaka zakhe.

6. Ngoko ke amadlelo akazange ayanele impahla yabo eninzi, nomhlaba wokuhlala awabanela.

7. Kwabakho ingxwaba-ngxwaba phakathi kwamadoda alusa impahla ka-Abram namadoda alusa ekaLothe. AmaKanana namaPerezi ayesahlala kwelo zwe.

8. UAbram wathi kuLothe: “Siyazalana, mfondini; masingabhidani, namadoda ethu makangalwi.

9. Kungcono sahlukane; umhlaba uphangalele. Zikhethele nayiphi na indawo, uye kwelo cala, mna ndiye kwelinye.”

10. Wakhangela uLothe, waphawula ukuba yonke loo ntili yeJordan ukuya kuma ngeZoware, yayingumhlaba onamanzi. Wawufana nomyezo kaNdikhoyo, ufana nqwa nelaseJiputa. Ngeli xesha kwakungaphambi kokutshatyalaliswa kweSodom neGomora.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 13