Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 12:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona.

2. “Ndiza kukunika inzala eninzi,eya kuba sisizwe esikhulu;ndikunike amathamsanqa,libe nodumo igama lakho,ube lithamsanqa nakwabanye.

3. Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa,ndibaqalekise abo bakuqalekisayo.Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”

4. Wanduluka ke uAbram eHaran ngokomyalelo kaNdikhoyo. Wayemashumi asixhenxe anantlanu ubudala. ULothe naye wahamba kunye noAbram.

5. UAbram wemka nomkakhe uSarayi, kunye noLothe unyana womninawa wakhe. Wathatha bonke ubutyebi bakhe, kunye nezicaka zakhe azifumene eHaran, wenjenjeya ukubheka eKanana.Bakufika eKanana,

6. uAbram wenjenjeya wada waya kugaleleka eShekem kwindawo enomthi kaMore. Ayesemi kwelo zwe ngelo xesha amaKanana.

7. UNdikhoyo wabonakala kuAbram, wathi: “Nali ke ilizwe eliya kumiwa yinzala yakho.” UAbram ke wenza iqonga apho, wanqula uNdikhoyo owabonakala kuye.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 12