Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 11:22-32 Ibhayibhile (XHO96)

22. Akuba mashumi mathathu ubudala uSerugi, wazala uNahore.

23. Uhleli amakhulu mabini eminyaka emva koko, wazala nabanye abantwana.

24. Wayenamashumi mabini anethoba uNahore ukuzala kwakhe unyana wakhe uTera.

25. Emva koko uhleli ikhulu lineshumi elinethoba leminyaka, waza wazala nabanye abantwana.

26. UTera wayeselenamashumi asixhenxe ukuzala kwakhe uAbram noNahore noHaran.

27. Nanga amagqabantshintshi ngoTera uyise ka-Abram noNahore noHaran. UHaran wazala uLothe,

28. waza kwayena uHaran watshabela kwakweso sixeko sakubo, iUre kwelamaKaledi. Uyise wayesadla amazimba.

29. UAbram wathatha uSarayi, waza uNahore yena wathatha uMilika, intombi kaHaran uyise kaIska.

30. Ke kaloku uSarayi wayengenabantwana, kuba wayengazali.

31. UTera wafuduka eUre, ehamba noAbram unyana wakhe, kunye nomzukulwana wakhe uLothe, unyana kaHaram, kwakunye noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram. Wemka kwelamaKaledi, wafudukela welaseKanana. Bahamba bada baya kutsho eHaran, bafika bema apho.

32. Wabhubhela apho eHaran uTera emakhulu mabini anantlanu ubudala.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 11